Izikhokelo zokuzalisekisa ulawulo lobutyebi bendalo obusekelwe kuluntu eMzantsi Afrika (CBNRM)
IZIQULATHO
Xesha liphi apho iCBNRM ingafanelekanga?
ULWAHLULELWANO NABATHATHI-NXAXHEBA
Ulwahlulelwano
Abathabathi-nxaxheba abaphambili
ISAHLUKO 2. IZIKHOKELO
Izizathu zokuvelisa izikhokelo
UGQALISELO NENJONGO YEZIKHOKELO
ZISETYENZISWA NINI KWAYE NJANI IZIKHOKELO
IMIQATHANGO ENGUNDOQO NEMICELI MNGENI YECBNRM
IMIQATHANGO YOYILO
IMICELI MNGENI
IZIKHOKELO ZOKUZALISEKISA IMIQATHANGO
Ukwahluka nokutshintshwa koluhlu lweenketho zempiliso nobuchule kuyagcinwa
Imveliso enokubakho yesiseko sobutyebi kufuneka igcinwe okanye siphuculwe
Amaziko karhulumente wasekhaya, ulawulo lomhlaba nobutyebi lusendaweni kwaye luyasebenza
Uncedo/kwenzuzo loqoqosho nolunye ukunika inkuthazo kukusetyenziswa ngobulumko ubutyebi obukhoyo
Kukho imigaqo nemithetho esebenzayo, ezalisekisiweyo kwaye igunya linikezelwa kwelona nqabana lisezantsi apho kukho ubuchule
Kukho ukuqhubela phambili okunovakalelo nemfanelo oluvela ngaphandle
IMIQATHANGO YOKUSEBENZA KOLUNTU, KWAMAGCISA NABENZI BEMIGAQO KWICBNRM
IMIQATHANGO YOKUSEBENZA ELISHUMI YOMNTU WONKE
IMIQATHANGO YOKUSEBENZA ELISHUMI ELINESIBINI YOLUNTU
IMIQATHANGO YOKUSEBENZA ELISHUMI ELINESIBINI YAMAGCISA
IMIQATHANGO ELISHUMI ELINESITHATHU LWABENZI BOMGAQO
IMITHOMBO NOKUQHUBELA PHAMBILI UKUFUNDA
ISIHLOMELO 1. INDLELA ICBNRM 'ESEBENZA' NGAYO
Ulawulo lobutyebi bendalo obusekelwe kuluntu (CBNRM) lumalunga nolwalamano phakathi kwabantu, kwamaziko wabo impiliso yabo nobutyebi bendalo. ICBNRM ikhuthaza ukusetyenziswa ngobulumko kobutyebi bendalo, nokuphucula impiliso yabantu. Yinkqubo enamacala amaninzi yolawulo lobutyebi bendalo. Yinkqubo yokufikelela banzi ekuphuhliseni amaphadle, yokubandakanya iziqalo ezininzi ukuquka uluntu kulawulo nokulondolaza ubutyebi.
Ulawulo lobutyebi bendalo obusekelwe kuluntu (CBNRM) yinkqubo yokuphuhlisa ukukhuthazwa kokusetyenziswa ngobulumko ubutyebi bendalo. Iphucula uphuhliso lwamaphandle, ingakumbi kwiingingqi zemizi ngokuthabatha inxaxheba kwabantu basekhaya. Ijolise ekunciphiseni ubuhlwempu bamaphandle ngokuvelisa uncedo/kwenzuzo lwezentlalo, oluninzi, lwezoqoqosho, lwamaziko nolumalunga nezinto eziphilayo neendawo eziphila kuzo. Ilondoloza ubutyebi bendalo ngokuxhobisa uluntu ukuba lulawule ubutyebi balo.
Ukuphucula impiliso nomgangatho wobomi wabantu basekhaya nokunceda ukunciphisa ubuhlwempu kumaphandle
Ukusebenzisa ngobulumko nokulondoloza ubutyebi bendalo kunye nezinto eziphilayo neendawo eziphila kuzo
Ukuxhobisa uluntu lwasemaphandleni ukuba lwenze izigqibo zalo ngokuphathelele kukusetyenziswa kobulumko kobutyebi babo bendalo.
dibanisa ulwazi lwezoqoqosho, lwezentlalo nolumalunga nezinto eziphilayo neendawo eziphila kuzo xuba ulwazi lwasekhaya olungekho sikweni nolwazi 'lobunzululwazi' obusesikweni thembela ngamandla kukuthabatha inxaxheba kwabantu basekhaya ekulawuleni ubutyebi bendalo nobunini basekhaya kobutyebi bendalo kunika uncedo/kwenzuzo kubutyebi bendalo, ukukhuthaza abantu ukuba balawule ukusetyenziswa ngobulumko kobutyebi bendalo khokelela kwimithetho yasekhaya nokuziphatha okusesikweni ekulawuleni ubutyebi bendalo xhaswa lulwahlulelwano phakathi kwabantu basekhaya, urhulumente, inkxaso yabantu bangaphandle kunye, abaququzeleli kunye, ngamanye amaxesha abanikeli
Ukunakwa njengeCBNRM ..., ubutyebi kufuneka busebenzise isixokelelwano esisekelwe kwinjongo yokwanelisa ezi nqobo zisemgangathweni zilandelayo:
Kufuneka liquke uphawu olucacileyo lomzi ngokuchaseneyo nokusetyenziswa kwabucala kobutyebi;
Kufuneka ibe nokugcinakala ngokuphathelele kukulondoloza ukuphila kwezinto neendawo eziphila kuyo nezityalo nezilwanyana ezininzi ezibanzi ezisemhlabeni nokuphila koqoqosho, lwezakhono nobuchule bokuphila kwezentlalo-politiki;
Uncedo/kwenzuzo oluvela kukusetyenziswa kobutyebi kufuneka lusasazwe ngokulinganayo ngoluntu;
Amaziko alawula isixokelelwano sokusetyenziswa kobutyebi kufuneka ubuncinane sibe nokulawulwa ngokwentando yesininzi." (Bell 1999).
Xesha liphi apho iCBNRM ingafanelekanga?
Ekubeni iCBNRM ifanelekile kwaye inamandla kwiimeko ezininzi kukho ezinye iimeko apho kukuncinane ukuphumelela kwayo kwaye apho iCBNRM ingeyompendulo. Ezi meko zidla ngokuphawulwa zezinye zezi meko okanye zonke ezi meko zilandelayo:
Ubutyebi ngokwabo bunqongophele kwaye bunovakalelo kakhulu kukuphazanyiswa okanye ukusetyenziswa kakubi
Uluntu luqhekekile kakhulu , aluzinzanga okanye lunenkathazo
Uluntu alunalufikelelo lusesikweni kubutyebi okanye imbali yelungelo lokufikelela
Akukho luncedo/nzuzo lubambekayo olulindelekileyo olunokufunyanwa luluntu
Amasebe karhulumente akanabuchule baneleyo okanye bokubuphuhlisela inkxaso yexesha elide.
Ngokwemeko yoMzantsi Afrika ' uluntu' kwiCBNRM lubhekiselele
Kumaqela abantu, abadla ngokwabelana ngemidla
Abaxhomekeke kubutyebi bendalo, oko kukuthi ubutyebi bendalo benza inxalenye ebalulekileyo kwizinto abanazo kwimpiliso yabo
Abalawula umhlaba nobutyebi bawo kunye kwaye bazinzisa amaziko ukuxhasa ukulawula obu butyebi.
Lungabonwa ngokwale ngcinga 'umzi okanye ibandla' ngokubhekiselele 'kubudlelane' (iqela elineenjongo ezifanayo) abasenokungahlali endaweni enye, 'ngokoluntu lwejografi' oluhlala endaweni enye.
Nangona iCBNRM kufuneka ibandakanye kwaye ibe luncedo/kwenzuzo kuye wonke ubani kuluntu oluhlala nobutyebi bendalo kwaye obulusebenzisayo, inyaniso yeyokuba liqela elincinane labantu elinomdla kwaye elinqwenela ukubandakanywa ngokukhutheleyo kulawulo lobutyebi bendalo. Idla ngokwenzeka into yokuba njengokuba inyathelo lokuqala liphuhliseka kwaye liqalisa ukuvelisa uncedo/kwenzuzo abantu abaninzi bayakhuthazeka kwaye bafune ukubandakanywa.
Imizekelo yeenkqubo ezahlukeneyo:
Amaphulo axhasa uluntu lwasemaphandleni ukuvelisa ezinye iimpiliso ngokuphucula ulimo, ukusebenza okanye ukuphuhlisa amashishini amancinane ukunciphisa okanye ukuphelisa ukuxhomekeka koluntu kubutyebi bendalo obuthile imimandla yomhlaba amahlathi njalo njalo
Amanyathelo okuqala/iziqalo axhobisa uluntu ukuba luphuhlise ukusetyenziswa ngobulumko uqeqesho njengokuzinzisa intelekelelo yesivuno sobutyebi bendalo obuthile ( intlanzi, iziqhamo njalo njalo)
Uncedo lokuphuhlisa izakhono zoluntu zokungasebenzisi ubutyebi bendalo ngorhwebo lokhenketho njalo njalo.
Iimvumelwano zolawulo lwentsebenziswano, iipaki zemvumelwano neemvumelwano zokugqithisela komhlaba apho uluntu luba lulwahlulelwano ekulondolozeni emva kokuphumelela ukubanga umhlaba wolondolozo owahluthwa kubo mandulo.
Ukuphuhlisa ulawulo nobuchule bamaziko oluntu ukulawula ubutyebi babo ngcono.
Nangona ezi zikhokelo zizisiqalo zokusetyenziswa eMzantsi Afrika iCBNRM yinxalenye yentshukumo yokukhula kumazantsi e-Afrika nangaphaya. Amazwe amaninzi angabamelwane ziphuhlise ezazo iinkqubo zokuhlanganisa ulawulo nokhuseleko lobutyebi bendalo noncedo kuluntu lwasemaphandleni. Ezi nkqubo zikwazama ukuhlanganisa ngokungekho sikweni izixokelelwano zobumnini obuqhelekileyo nokusetyenziswa kwemveli kobutyebi bendalo bube zizixokelelwano ezisesikweni namaziko. Eminye yale mizekelo:
Inkqubo yolwahlulelwano lokulawula ubomi basendle, umzekelo iNkqubo yokuLawula ubuTyebi beNdalo (NRMP) eBotswana naphina.
Iziqalo ezininzi zeCBNRM ezihlangene neemvumelwano zamazwe ngamazwe zityikitywe nguRhulumente woMzantsi Afrika. Izivumelwano eziphambili eziphembelela imisebenzi yeCBNRM apha uVumelwano ikuKwahlukana ngokweBhayoloji, imVumelwano kuRhwebo lwamazwe ngaMazwe kuDidi olunobuNgozi (CITES) noVumelwano lokuLwa ubuNkqantosi (CCD). Uluhlu lunzulu lwemithetho nemigaqo yoMzantsi Asfrika lunikwe kwisihlomelo soku-1.
Phantsi kwezi mvumelwano kunye nezinye uRhulumente woMzantsi Afrika ubophelelekile ekukhuseleni ukwahlukana ngokwebhayoloji jikelele kunye kwiindidi ezininzi ezibanzi ezicingelwa ukuba zinobungozi luluntu lolondolozo lwamazwe ngamazwe. Ukongeza kwiimfuneko ezisesikweni zokugcina ukutyeba kwezityalo nezilwanyana ezininzi ezibanzi ezisemhlabeni zelizwe elidibene nelizwekazi, kukho ukunakana okukhulayo kwixabiso lwezityalo nezilwanyana ezininzi ezibanzi ezisemhlabeni kubantu bonke be-Afrika esemazantsi. Oku akunyinwanga kwixabiso loqoqosho lwayo olunokwenzeka kodwa kwixabiso lwenkcubeko lwayo nakwintsingiselo, nokubaluleka kwayo kumgangatho wobomi babantu besithili.
Ulwahlulelwano nabathathi-nxaxheba
Ulwahlulelwano
Phantse onke amanyathelo okuqala eCBNRM abandakanya ukuzinziswa kolwahlulelwano phakathi kwabathabathi-nxaxheba abahlukeneyo. Olu lwahlulelwano luthatha izimo ezahlukeneyo kwaye ziqhele ukubaluleka kwimpumelelo okanye kwelinye inyathelo. Imizekelo yolo lwahlulelwano iquka:
Phakathi koluntu oluyamaneyo olwabelana ngobutyebi obusisiseko bendalo obufanayo- amahlathi, amanzi, amadlelo, imizi njalo njalo.
Phakathi koluntu lwasemaphandleni namashishini abucala - ingakumbi 'ukhenketho' namalinge afanayo.
Phakathi kwamasebe karhulumente awohlukeneyo anemidla neemfanelo zeenkangeleko ezahlukeneyo zobutyebi bendalo bengingqi - umzekelo umhlaba, namanzi, okanye amahlathi nobutyebi bolwandle
Abathabathi-nxaxheba abaphambili
Iinkqubo ezininzi zeCBNRM zibandakanya iqela labathabathi-nxaxheba abasebenza ngentsebenziswano, kwaye ngamnye unendima yakhe neemfanelo malunga nenkqubo ( Umzobo woku-1). Ezi zikhokelo zijolise ukunceda abo bathabathi-nxaxheba ukuba bazalisekise iindima zabo kwaye benze iimfanelo ngokufanelekileyo:
Iqela lasemaphandleni - soloko limelwe ngamaziko oluntu akhoyo nezakhiwo okanye zezo zimiselwe ukuhambisa inkqubo yeCBNRM. ImiButho esekelwe kuluntu (CBOs) isoloko imela iqela elithile kuluntu.
Abanzeli abaqhubela phambili - soloko iziNGO, abacebisi okanye amagosa karhulumente anenkcazelo yomsebenzi othile umzekelo 'abaququzeleli boluntu' 'uphuhliso loluntu', okanye 'iinkonzo zentlalo'. Ngamanye amaxesha amasebe eeyunivesithi okanye amaziko ophando azifumana ekule ndima. Asebenza ngokusondeleleneyo noluntu ixesha elide.
Oomahlulelane babucala - ingakumbi abanxulumene namanyathelo okuqala okhenketho, baza nobuchule boshishino nobobugcisa nemithombo yemali
Amagosa kaMasipala wesithili nowasekhaya - aba banefuthe kwimisebenzi yasekhaya neemfanelo ezimiswe ngokomthetho ukuzalisekisa imigaqo yesizwe emininzi ephathelele ekusetyenzisweni kobutyebi bendalo
Amasebe karhulumente wesizwe nawamaphondo - soloko eqala iCBNRM njengendlela yokuzalisekisa imigaqo yesizwe ngokuphathelele kulawulo lobutyebi bendalo ukudambisa ubuhlwempu, okanye ( eqheleke kakhulu) ukuphendula kwiimfuno okanye nezicelo ngabantu basekhaya
Ii-arhente zabanikeli - imibutho yamazwe ngamazwe enemidla enamandla kuphuhliso lwamaphandle kunye nolondolozo lwezityalo ezininzi ezibanzi emhlabeni.
Ezi zikhokelo zijolise kuluntu, amanye amagcisa eCBNRM nabenzi bomgaqo. Umzobo woku-1 uchonga aba bathabathi-nxaxheba kunye neemfanelo zabo zeCBNRM.
ICBNRM ayingobalondolozi bodwa nabezemimandla kwaye imiqathango yeCBNRM ingasetyenziswa kumacandelo amaninzi ahlukeneyo. Imizekelo embalwa yendlela iCBNRM inxulumana nezifundo ezahlukeneyo namacandelo anikwe ngezantsi. Imizekelo eminizi isekumanqanaba ayo asekuqaleni kuphuhliso kwaye kufuneka ahambe umgama omde phambi kokuba angabanga impumelelo.
ICBNRM iqhele ukubandakanywa nolondolozo, ikakhulu kwiimeko apho uluntu lwenze umhlaba ubekho ekumanyanisweni neengingqi ezikhuselweyo. Umhlaba uqeshiswa luluntu ngee-arhente zolondolozo , kodwa uluntu oluninzi lunegalelo kwingingqi ekhuselweyo ngemvumelwano yokulawula kunye. Olunye uluntu luhambe inyathelo elinye ukuya phambili ngokuzinzisa kwalo ubomi basendle kunye nemibutho yolondolozo lwezokhenketho kumhlaba webandla okufutshane kwiingingqi ezikhuselweyo. Kulwazi-mahlathi, uLawulo lwamahlathi ngokweNxaxheba okanye iPFM bubuchule bokulondoloza amahlathi obujolise ukunika abantu basekhaya igunya elithile lokwenza izigqibo kubutyebi bamahlathi nokunika uncedo/kwenzuzo olubambekayo kubo. Abantu basekhaya bangasebenzisa imvume yokuvuna ubutyebi obuthile kumahlathi kunye nemali ekhoyo yokubanceda ekumiseleni amashishini amancinane.
Kulimo, amaqela abantu bangenza umanyano lwamashishini apho balawula kwaye barhweba ngeemveliso zolimo okanye imfuyo kunye ngoncedo/kwenzuzo lukarhulumente nolwamaziko enxalenye yawo anikwa inkxaso kurhulumente. Oku kusoloko kuhamba neenkqubo zokukhathalela umhlaba ezifana nokulawula ukhukhuliseko lomhlaba kunye nokuphucula ummandla. Kwimbuyekezo yomhlaba, uluntu olubangayo soloko lufuna inkxaso ukuqinisekisa ukuba umhlaba owabiwe ngokutsha usetyenziswa ngokugcinakeleyo nangokunemveliso. Ubuchule babo bufuna ukuphuhliswa ngezifundo zokuqeqeshwa nokuhlanganiswa nabacebisi kunye nomahlulelane bamashishini. ICBNRM ingaluncedo/kwenzuzo lokuqala emva kokubuyekezwa komhlaba ukuzinzisa imigqathango yokugcina ubutyebi, ukulawula umhlaba, uyilo lokusebenzisa umhlaba nokuphuhlisa amaziko asekhaya asebenzayo.
ICBNRM ikwafanelekile kuphuliso lokhenketho noqoqosho lwasekhaya, apho uluntu oluninzi lungenele umzekelo amalinge ahlangeneyo okanye ezinye iintlobo zolwahlulelwano nabasebenzi bezokhenketho. Uluntu ludla ngokuqeshisa ngemvume eyabelwa lona ngurhulumente kumrhwebi oya kwenza urhwebo okanye lungene kuvumelwano lokwabelana ngengeniso nenkampani yabucala eya kuba nemfanelo yemvumelwano yecala loshishino ekubeni uluntu lukhathalela ubutyebi bendalo nokulawula umhlaba. Inkqubo yeCBNRM ikwafanele ukulawula ubutyebi bamanzi. Uluntu lungayinxalenye ye-Arhente yoLawulo lweNgingqi eqokelela amanzi emvula, lwenze imiButho yabaSebenzisi baManzi okanye bayile imiButho yokuLawula iNgingqi eqokelela amanzi emvula. Oku kufuna uncedo kwiinkonzo zikarhulumente ezifana neSebe lezeMicimbi yaManzi namaHlathi(DWAF) nooMasipala beziThili.
Kwinqanaba likarhulumente, ulawulo lobutyebi bendalo yinxalenye ebalulekileyo yeenkqubo zoYilo loPhuhliso oluHlangeneyo (IDP), egunyaziswe nguMthetho weziXokelelwano zikaMasipala. Iziseko ezithathu zenkqubo ye-IDP kukunciphisa ubuhlwempu, ukuphuhlisa ugcino lukamasipala nokulawulwa okufanelekileyo kommandla. Oku kuhlangana kakuhle neenjongo zeCBNRM: ukunciphisa ubuhlwempu, ukuphuhliswa kwamaziko, ukusetyenziswa kobutyebi bendalo obugciniweyo. Iinjngo ze-IDP nezeCBNRM ziyadibana kakhulu. Inkangeleko yesibini yenkqubo ye-IDP ihlangana kakuhle neCBNRM, kukujongwa okungaguquguqukiyo novavanyo olwakhiwe kwii-IDP. Inkqubo yokufunda nokulungisa efunwa yinkqubo ye-IDP iyafana nenkqubo yolawulo lokulungisa exhaswa yiCBNRM. I-IDP ngoko yazisa amathuba okuzimisela kulawulo lobutyebi bendalo, kwinqanaba lasekhaya, kwiingingqi apho ubutyebi bendalo babungakhathalelwanga ngaphambili ( imimandla engasezidolophini nasezilokishini, kwiindawo ezivulekileyo kwizixeko nakumhlaba webandla ophantsi kolawulo lukamasipala).
Yinyaniso ehlungisayo ukuba isondlo esilambathayo nezifo ezikhoyo jikelele ezifana neHIV/AIDS zinempembelelo kwimpilo yoluntu lonke loMzantsi Afrika. Iingxaki zempilo zinefuthe kwiingqiqo zonke zobomi boluntu kwaye amaphulo eCBNRM awazozinxaxhi. Nangona amanyathelo okuqala eCBNRM ephembelelwa ngokungalunganga zingxaki zempilo iCBRNM inakho ukunika inkxaso eyiyo kuluntu. Amaziko noomahlulelane abaphuhliswayo ukuxhasa imisebenzi yeCBNRM enganika isiseko sokulungisa imibandela yempilo. ICBNRM ingaphucula ukhuseleko lokutya neqondo lesondlo soluntu ngokulawula ubomi basendle nobutyebi beentlanzi ukuvelisa iiproteyini nokulawula ubutyebi bezityalo ezifana neziqhamo zasendle nezilinywayo nemifuno. Ukusetyenziswa ngobulumko kobutyebi bendalo nolawulo kunganceda uluntu ukuba lumelane noxinzelelo olwandayo olubekwa zizifo zempilo ezifana neHIV/AIDS ubutyebi bendalo, ingakumbi kumthi othile wokwenza iibhokisi zemingcwabo, izibaso zemithi ezisetyenziswa kwimingcwabo, izityalo zamayeza nokunyanga isibonakaliso sesifo. Ngokwezezimali inyathelo lokuqala leCBNRM inganceda uxinzelelo lwemali nolunye kwiintsapho. Ukuxhobisa amalungu oluntu ngamanyathelo okuqala eCBNRM yenye yeendlela esingalunceda ngayo lumelane neengxaki zempilo.
Kwimfundo, iCBNRM iluncedo lokuqala lwemfundo esisiseko yabadala. Abantu ababandakanyeka kwinyathelo leCBNRM bafuna uqeqesho ukuphucula izakhono zokubala nokwazi ukufunda nokubhala. Kodwa nakumgangatho wesikolo imibandela yeCBNRM ingaqukwa ngokwakhayo kakhulu kwikharityhulamu yezakhono zobomi, yemathematika, yebhayoloji neyenzululwazi. Oku kusebenza ngakumbi kwizikolo ezisemaphandleni apho abafundi banempumelelo enkulu yokuthabatha inxaxheba kukujongwa kweCBNRM nakwiinkqubo zophando. Izikolo zasemaphandleni nootitshala kwakhona ngoomahlulelane abangumzekelo ogqibeleleyo kwiCBNRM ngokunika iindawo zeentlanganiso nezokwabelana ngeengcinga nolwazi, ukunika amaziko akhoyo onxibelelwano, nokunikezela ngezakhono ezinqongopheleyo ezifana nokukwazi ukubala nezokukwazi ukufunda nokubhala ekunzima ukufumaneka kuluntu olukude.
ICBNRM inganika kwakho isiseko sababandakanyekayo abangaba nokwenzakala umzekelo abafazi namaphandle ahlwempuzekileyo ukuvakalisa iimbono zabo nokunokuphakamisa ukukhathazeka kwabo. Oku kungunobangela wokuthabatha inxaxheba kwiCBNRM, kodwa ngenxa yamalungu amaninzi eCBNRM kungumcimbi omkhulu wamalungu oluntu ukuhlwempuzeka nokuba nokwenzakala.
Ukuphucula okunokubakho kwimpiliso yasemaphandleni
Ukuphucula ukhuseleko nolawula lobutyebi bendalo
Ukuxhobisa abantu ukuba balawule ubutyebi babo.
Igunya lasekhaya Amagunya kamasipala wesithili nawasekhaya
Iinkangeleko
Inkxaso yolawulo nolungiselelo
Unxibelelwano
AmaSebe kaRhulumente amaPhondo naweSizwe ( Umgaqo)
Iinkangeleko ezingundoqo
Uyilo lobuchule olubanzi, imigaqo nezikhokelo ezivumela isakhelo seCBNRM ibe khona
Intsebenziswano yamasebe, ukuzinziswa kwezakhiwo zentsebenziswano
Abasebenzi abazimiseleyo nabaqeqeshiweyo kuyo yonke imigangatho
Ukunikelwa kwamagunya nokwenza izigqibo
Ukunxibelelana nokunika ingxelo
Ukongamela novavanyo
Iinkangeleko ezingundoqo
Amaxesha amiselweyo izinto ezirheshiweyo zoyilo nezixhobo
Inkxaso yengqiqo, yobugcisa neyemali
Unxibelelwano novavanyo
Umzobo 1. Abathabathi-nxaxheba nemisebenzi yabo kwiCBNRM
ISAHLUKO 2. IZIKHOKELO
Izizathu zokuvelisa izikhokelo
Amasebe amaninzi oorhulumente anemigaqo eyaneleyo asebenza ngayo nolwalamano lwabantu, ubuhlwempu nobutyebi bendalo okanye ulawulo lobutyebi bendalo obusekelwe kuluntu (CBNRM). Kodwa kunjalo kukho unqongophalo lokungacaci kozalisekiso olubonakalayo lweenkqubo zeCBNRM phakathi kwabenzeli nemibutho ebandakanyeka kakhulu kwezi nkqubo. Kukho kwakho ukunqongophala kwentsebenziswano phakathi kwamaSebe kunye nabathabathi-nxaxheba abathile kumacandelo awohlukeneyo. Amagosa amaninzi akaqondi ukuba ingantoni iCBNRM okanye aneengcinga ezahlukileyo malunga nendlela ekufuneka izalisekiswe ngayo.
Ukongeza kulindelekile ukuba abantu kumacandelo amaninzi ohlukeneyo awaqondi ukuba umsebenzi abawenzayo yinxalenye yenkqubo yophuhliso ebanzi engena phantsi kwegama iCBNRM. Ezi zikhokelo zijolise ukucacisa ukubandakanyeka neendima zamagosa karhulumente nabanye kwiinkqubo zeCBNRM.
Kwingxelo yangaphambili enesihloko esithi 'Ukuhlaziya imithetho nemigaqo exhasa uhlobo lwenkqubo ezilawula ubutyebi bendalo obusekelwe kuluntu (CBNRM) eMzantsi Afrika'1 inakane ukuba kukho imigaqo eyaneleyo ekhoyo yokukhokela iCBNRM, kodwa yagqibela ngokuthi: "kuyimfuneko ukwenza uluhlu oluthile lwezikhokelo phakathi kwamasebe ukusebenzisana nabantu ababevinjwe amathuba ngokwembali abalawula ubutyebi ngokwamabandla kwaye abanolwazi lwemveli lokuba negalelo ekuyileni nakwiinkqubo zokulawula ubutyebi" (p. 28). Iziphene ekuzalisekisweni okubambekayo kweCBNRM kukhokelele kweli xwebhu lezikhokelo.
Iinjongo eziphambili zezi zikhokelo ku:
Kunika bonke ababandakanyekayo inxaxheba yokuqonda iinkqubo zeCBNRM, oko kukuthi.:
Iimeko ezingundoqo ekufuneka zithathelwe ingqalelo ekuzalisekisweni kweCBNRM
Iindima neemfanelo zababandakanyekayo bonke kwiCBNRM.
Kunceda wonke ubani ukuba aqonde iindima zabo neemfanelo nezabanye kwiinkqubo zeCBNRM ukuze:
Kujonga nokuvavanya uzalisekiso lwabo olufanelekileyo nokwenziwa ngabo bonke ababandakanyekayo
Kulungelelanisa phakathi kwabo nentsebenziswano efanelekileyo
Kulandela ' imimiselo yokuziphatha' ngokwendima echaziweyo yomntu ngamnye neemfanelo
Kwandisa amathuba eziphumo eziyimpumelelo kwinkqubo yeCBNRM.
Nangona kunjalo akukho siqinisekiso sokuba zonke iziphumo zamanyathelo eCBNRM alandela ezi zikhokelo aya kuba yimpumelelo. Eyona njongo ingundoqo kukuba ezi zikhokelo nophuculo kukuqondwa kweCBNRM, zingakhokelela kukubakho okukhulu kwempumelelo nokunciphisa isiganeko sentsilelo yamanyathelo.
Ugqaliselo nenjongo yezikhokelo
Amava amaninzi sele efunyenwe kwiCBNRM, ngokwesizwe, ngokwesithili nangokudibene ngokwesithile seSADC nangamazwe ngamazwe kwiminyaka eli-10 edlulileyo kwaye okuninzi koku kusetyenzisiwe ukwenza ezi zikhokelo. Ulwazi olunzulu lweenkqubo zeCBNRM luqokelelwe ngabaphandi kunye nabanye kwaye nako oku kube negalelo. Akwenzekanga ukubandakanya lonke ulwazi olukhoyo. Ugxininiso ngoko kusekubeni 'sifuna ukwazi ntoni', kwaye 'kungani kufuneka sikwenzile', ukwenza iCBNRM isebenze ngcono.
Isiphumo esingundoqo zezi zikhokelo kukuphumelela intsebenziswano eninzi phakathi kwabantu basekhaya, norhulumente wasekhaya, wesithili, wamaphondo nowesizwe, abanikelo namacandelo abucala.
Zijolise kubani
Ezi zikhokelo zijolise ukunika isikhokelo nenkxaso kuye wonke ubani obandakanyekayo ekuzalisekisweni kwamanyathelo okuqala eCBNRM noluhlu lwamacandelo abanzi abandakanyekayo okanye achukunyiswa luhlobo lwamaphulo eCBNRM. Oku kuquka:
Ulimo
Ulawulo lwelifa lenkcubeko
Uphuhliso loqoqosho
Imfundo
Amashishini okuloba
Ulwazi lwamahlathi
Impilo
Ukumba
Ulondolozo lwendalo
Ukhenketho
Ulawulo lwamanzi.
Ugqaliselo olungundoqo ngokwale nguqulelo iya kuba ngaba babandakanyekayo 'umndilili' umzekelo uluntu, abaququzeleli namagosa okanye amagcisa nabenzi bemigaqo. Abanye abathabathi-nxaxheba njengabanikeli kunye necandelo labucala aya kulufumana olu xwebhu luluncedo. Injongo kukuchaza ngokucacileyo iindima neemfanelo zababandakanyekayo bonke.
Zisetyenziswa nini kwaye njani izikhokelo
Amacandelo ahlukeneyo ezikhokelo zinika abantu amacandelo ahlukeneyo ulwazi olungundoqo olufunekayo ukudlala iindima zabo ngokufanelekileyo. Icandelo lokuqala lithetha ngemiqathango jikelele nemiceli mngeni efanelekileyo kuye wonke umntu yokusebenzi kwiCBNRM. Icandelo lesibini imiqathango yokusebenza yamaqela amathathu abathabathi-nxaxheba: uluntu amagcisa nabenzi bemigaqo iyachongwa.
Izikhokelo kufuneka zinike isakhelo esinexabiso sokuyila nokuvavanya iinkqubo zeCBNRM. Ziya kuba luncedo kakhulu 'ekuqaliseni' isigaba sayo naliphi iphulo xa uyilo lokuqala luphuhliswa. Inyathelo lokuqala ngalinye linobubodwa kwindlela eliphuhliswa ngayo. Nangona kunjalo ukusebenzisa izikhokelo kwinqanaba lokuyila nokulandela inkqubo 'yolawulo yokulungisa' ulwazi apha kufuneka lubonise ukuba lufanelekile kubomi bonke bephulo/lweprojekthi.
Isikhokelo ngasinye sifaneleke kwimeko osebenza kuyo, ungabuza lo mbuzo: "Sifanelekile ukusebenzisa le ngqiqo kwinkqubo yethu yozalisekiso?"
Ukuba ukumanqanaba okuqala okuzalisekisa iphulo lakho lweCBNRM, ungasebenzisa ezi zikhokelo ngokubuza: "Singayisebenzisa ngcono njani le ngqiqo kwinkqubo yethu ethile?"
Kumanqanaba alandelayo izikhokelo singasetyenziselwa ukunceda ukujongwa nokuvavanya ngokuchonga iimeko ezinegalelo eluluncedo nezo zingeloncedo kwiziphumo zephulo. Apha kungafuneka ubuze: "Zeziphi iingqiqo ezibangela iingxaki ezinkulu? Singenza ntoni ukuphucula imeko?"
Nangona ingelulo lonke ulwazi olungakhangeleka lufanelekile kwimeko yakho kuya kuba luncedo kakhulu ukufunda malunga neendima neemfanelo zabanye ababandakanyekayo osebenzisana nabo.
IMIQATHANGO ENGUNDOQO NEMICELI MNGENI YECBNRM
Imiqathango yoyilo
Imiqathango yimithetho esisiseko ekufuneka ilandelwe kuzalisekiso lweCBNRM. Yiyo ekhokela iingcinga zethu nezenzo. Eminye yimigathango jikelele eluncendo ekufuneka sonke siyiqaphele.
Uluhlu lweenketho zempiliso ezahlukeneyo nezinobumvoco ziyagcinwa
Abantu bayaqhubekeka ukusebenzisa uluhlu lwamathuba awahlukeneyo ukwenza impilo. Balima ukutya, bafuya imfuyo, bathengisa amaqanda, benza iimveliso zobugcisa, baqeshisa umsebenzi wabo, baqokelela izityalo zamayeza, bavuna ingca yokufulela kunye nokutya elwandle, banika iinkonzo zabo abakhenkethi kunye nezinye izinto ezininzi.
Ukuveliswa kokubakho kwesiseko sobutyebi kuyagcinwa
Umlinganiselo wobutyebi bendalo obukhoyo abuhlali kuphela bunjalo kodwa buyanda ngokulawulwa kwempahla. Kukho iimbaza ezininzi ezikhula kumawa, imbewu kunye namagatya ezityalo ezithandwayo ezikhula ehlathini nakumhlaba wemithi inani lezilwanyana liyanda.
Amaziko karhulumente wasekhaya nokulawulwa komhlaba nobutyebi akho kwaye ayasebenza
Kukho imithetho yasekhaya kwaye iyazalisekiswa. Umbutho wokulawula wasekhaya usebenza kakuhle kwaye wenza iimfanelo ngokufanelekileyo. Usebenza kunye namalungu oluntu kunye noomahluleli bangaphandle ukuqinisekisa ukuba inyathelo lokuqala leCBNRM lunceda abantu kunye nobutyebi bendalo.
Uncedo/kwenzuzo loqoqosho namanye ukunika inkuthazo kukusetyenziswa ngobulumko kobutyebi obukhoyo
Abantu bavuzelwa imizamo yabo abayenzayo yokujonga ubutyebi bendalo. Bahlala kumlinganiselo ekuvunyelwene nawo wokuvuna kwabo, bafumana ixabiso lorhwebo elifanelekileyo ngeemveliso zabo baze benze imali ngokwandisela umsebenzi kwezinye iingingqi. Oonogada boluntu abalinda amahlathi, ingca okanye ichibi ukuthintela amabungela ekuthatheni izityalo okanye izilwanyana.ngokufanelekileyo
Kukho imigaqo nemithetho esebenzayo ezalisekiswayo kwaye igosa liyinikezela nakwelona nqanaba lisezantsi apho kukho ubuchule
Imithetho iyaqatshelwa kwaye iyanyanzelwa, abantu banikwa ilungelo nemfanelo yokwenza izigqibo zabo malunga nokusebenzisa ubutyebi babo. Imilinganiselo yokuvuna imiselwa luluntu ngoncedo lweencutshe.
Kukho ukuqhubela phambili okunovakalelo nemfanelo okuvela ngaphandle
Uluntu lusebenza kunye neNGO yasekhaya eqonda kakuhle imeko yentlalo neyenkcubeko, kwaye banamava angawo wokulawula ubutyebi kwingingqi. Inkqubo yabo yokwabelana ngolwazi lwabo nokukhuthaza uluntu ukuba lube negalelo ngamava alo nengqiqo.
Amagunya kwinqanaba lasekhaya amkelekile kwiCBNRM, kwaye ayaqondwa
Abantu ekuhlaleni abanempembelelo kakhulu, iinkosi kunye namadoda amadala bazibophelele ngokunyanisekileyo ekuqinisekiseni ukuba wonke ubani ufumana uncedo olulinganayo kangangoko. Basebenza nzima ukuqinisekisa ukuba amalungu anamandla awayiveleli inkqubo. Wonke ubani uyazi ukuba ngoobani abantu abanempembelelo.
Imiceli mngeni
Ukuzalisekisa iCBNRM kusoloko kubandakanya ukuhlangabezana neqela lemiceli mngeni. Eminye yayo iqhelekile kuwo onke amanyathelo eCBNRM. Phambi kokuqalisa naliphi inyathelo lokuqala kufanelekile ukuba ukhumbule oku:
Lindela umlinganiselo omkhulu wokuguquguquka nomahluko kwimeko nganye.
Sukusebenzisa izikhokelo njengoyilo olusephepheni. Vuma ukufunisela nokuba negalelo ngokulungisa. Kodwa kuphephe ungangqinelani nokubhida abanye.
Lindela iingxabano zasekhaya. ICBNRM ngamanye amaxesha ijongeka njengovukelo, ngoko sukothuswa yingxabano. Kodwa zama ukuqikelela ngokujonga okufanelekileyo uze uzame ukuyithintela. Sukuzihlupha ukuba yenzekile. Oku kuqhelekile. Imimangaliso nezothuso yinxalenye yomdlalo.
Hamba kunye namagunya asekhaya. ICBNRM yinkqubo ecacileyo yokuxhasa abantu bonke. Iya koyikiswa ngokuqhelekileyo ngabanye. Ngamanye amaxesha oku akunakuphetshwa kodwa zama ukukuphepha kangangoko.
Kuya kuba kho ukubuyis'umva okungenakunqandwa kumaxesha ohlukeneyo kulo naliphi inyathelo. Lo mceli mngeni kukugcina inkuthazo yabo bonke abathabathi-nxaxheba ngala maxesha anzima.
Qaphela 'amandla angakhiyo'. Xa ngamanye amaxesha izinto zihamba kakubi nenxalenye ethile yenyathelo kukho ingozi yokokuba yonke imizamo namandla ezijoliswe kwiphulo ekuzameni ukusombulula ingxaki zidla ngokukhokelela ekungahoyini ezinye iingqiqo ezakhayo kwaye eziyimpumelelo zephulo.
Ngendalo abantu 'balumkile' kwaye kukho, uxhathiso nakweziphi iingcinga ezintsha, nangona kunjalo zingabonakala kwabo bazicingayo. Ungothuki ukuba kuthetha ixesha elide ukuba kwamkelwe iingcinga ezintsha okanye zingamkelwa nanini.
Zilungiselele ukuthatha ukugxekwa nezityholo ezingafanelekanga. Abantu ekuhlaleni ababandakanyeka kwiphulo leCBNRM baqhele ukuba phantsi kwamagqabantshintshi angenabulungisa nesigxeko ezivela kwabo bangekhoyo kwiphulo. Ezo zigxeko zingenza ukuba ungakhuthazeki kwaye ixesha elinzi kunye namandla zingamoshakala kuzanywa ukuchasaniswa nako.
IZIKHOKELO ZOKUZALISEKISA IMIQATHANGO
Vumela ukwahlukana kwempiliso. Abantu basemaphandleni kufuneka benze impilo ngeendlela ezahlukeneyo kwaye uninzi lwamakhaya asemaphandleni aysebenzisana.
Khumbula ukuba abantu babuxabisa ubutyebi bendalo ngeendlela ezahlukeneyo. Abanye bakhathalele ixabiso loqoqosho ize abanye ixabiso lezenkcubeko baze abanye baxabise ulondolozo. Sukuthelekelela ukuba bonke abantu basekhaya soloko benobuchule nengqiqo kwintsingiselo yentsebenziswano. Kwakho sukubalindela, basoloko besabelana ngamaxabiso angeyomali njengoko abayili bolondolozo bebubeka kudidi lwezityalo okanye izinto eziphilayo neendawo eziphila kuyo.
Khuthaza abantu abanezakhono ezahlukeneyo babe negalelo. Imanyanisa iintlobo ezininzi zolwazi kangangoko. Qinisekisa ukuba imibutho yasekuhlaleni imelwe ngawo onke amaqela ekuhlaleni. Abafazi ngabasebenzisi ababalulekileyo bobutyebi bendalo, kwaye banolwazi oluninzi nezakhono abanokuzinikezela. Qinisekisa ukuba banendawo.
Phucula ulwazi lwemveli uze ukhuthaze ukwahlukana kwenkcubeko. Ukwahlukana kwenkcubeko kuhlangana ngqo nokwahlukana kwezixokelelwano zemveliso, ukwenza izigqibo nokuphuhlisa amaziko kwaye kufuneka buphuhliswe. Gcina ukuhlangana phakathi kwamalungu asemaphandleni nawasedolophini. Oko kuhlangana kubalulekile ngokoqoqosho nangokwentlalo.
Ungakwenzi /ungalwenzi:
Uphuculo lwamanyathelo aya kukhukulisa ukwahlukana kobuchule bempiliso nezixokelelwano zemveliso;
Uphuculo ngokulula lwamanyathelo oluncama iinketho zempiliso;
Ukwazisa ubuchule bolawulo ngenxa yokulungelwa kuphela obunciphisa ukuntsonkotha ngabom.
Imveliso enokubakho yesiseko sobutyebi kufuneka igcinwe okanye siphuculwe
Qinisekisa ukuba ubutyebi bendalo bunexabiso lorhwebo olunokuguqulelwa kwimali okanye olunye uncedo/inzuzo olubambekayo kwaye abantu bayalwazi kwaye beluqonda eli xabiso.
Gcina kwaye ukhusele ubutyebi bendalo. Xa buthe ababikho akukho CBNRM. Beka imithetho elawula ukuba ngubani onokuvuna ubutyebi obuthile kwaye phi. Qinisekisa ukuba kukho izohlwayo kwabo bophula imithetho. Xhobisa ngemimiselo yokuziphatha exhaswa nguye wonke ubani.
Phuhlisa uyilo lolawulo lobutyebi olululo. Dibanisa ingqiqo nolwazi lwabantu lobutyebi oluvela kubo bonke abathabathi-nxaxheba uze wenze uyilo olucacileyo olusebenzayo.
Yongamela ukusetyenziswa nemeko yobutyebi. Abasebenzisi bobutyebi ngokwabo kunye nabanye ekuhlaleni kufuneka bazibandakanye ekumiselweni kobuchule bokongamela nokwenziwa kokongamela.
Landela inkqubo yolawulo yolungiso. Beka iinjongo, yongamela imeko yobutyebi kwaye ugqibe kwizenzo xa kukho iimpawu zezilumkiso.
Zalisa inxalenye efanelekileyo yayo nayiphi enye ingeniso kulawulo lobutyebi bendalo.
Phuhlisa ubuchule bolawulo lobutyebi bendalo. Qeqesha kwaye ucebise abantu abafanelekileyo ukuze babe nakho ukuthatha imfanelo yokulawula ukusetyenziswa kobutyebi bendalo.
Ungakwenzi:
Ukuthelekelela ukuba uncedo/kwenzuzo lobutyebi bendalo buya kukhokelela ngokuzenzekelayo kulawulo olusebenzayo nokongamela ngabantu basekhaya.
Ukukholelwa ukuba iCBNRM yindlela 'elula' yokunyanzelisa umthetho.
Ukusebenzisa umqathango wokulumkela ('khuseleka kunokuzisola') njengesizathu sokungenzi nto.
Amaziko karhulumente wasekhaya, ulawulo lomhlaba nobutyebi lusendaweni kwaye luyasebenza
Qinisekisa ukuba wonke ubani unengqiqo yokokuba yeyiphi indima ekufuneka beyidlalile kwinyathelo kunye neemfanelo zabo. Bamba iintlanganiso njalo ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uyayazi indlela ekufuneka enegalelo ngayo kwinyathelo kwaye wenza oko kuvunyelwene kuko. Yenza umgaqo-siseko kwangaphambili.
Yakha imibutho yasekuhlaleni. Qiniseka ukuba unentsingiselo eyomeleleyo yobunini basekhaya, iqela lolawulo lasekhaya kufuneka lenze ulawulo nezigqibo. Eli qela liya kufuna inkxaso efanelekileyo noqeqesho olufanelekileyo lokwenza le misebenzi. Liya kufuna ukukhuthazwa njalo nokuxhaswa. Kwezinye iimeko apho kukho ingxaki emandundu alinakuphinda lonyulwe. Sebenzisa kangangoko imibutho ekhoyo kunokuyila emitsha. Kodwa yenza izigqibo ezinemfundiso malunga noku kwaye ungafaki engozini iinjongo zeCBNRM ukuba imibutho emitsha iyafuneka.
Qinisekisa ukuba ukumelwa kusemthethweni, kwaye abazonyulanga. Umabeli kufuneka acebisane kwaye anike ingxelo kwiqela alimeleyo kwaye kufuneka banikwe ixesha lokwenza oku.
Ukuqinisekisa ukuba kukho inkokheli 'ummeli' kunye neqela elisebenzayo lomsebenzi ngamnye omkhulu okanye imfanelo. Ukukhulisa abameli abatsha nabaququzeleli kuze kujongwe kubukho bazo.
Hlasela ukungalingani kuluntu. Zama ukufezekisa izidingo zabo nokhuselo lwexesha elide lwabahlwempuzeke kakhulu. Zinzisa imithetho ukuqinisekisa ukuthatha inxaxheba kukawonke-wonke. Qinisekisa ukuba amazwi wabahlwempuzekileyo nabangenalizwi ingakumbi abafazi abangamahlwempu ayaviwa.
Jolisa ukunikezela okanye lonke igunya kubasebenzisi bobutyebi xa ubona ukuba banoqeqesho olufunekayo nezakhono. Kodwa qinisekisa ukuba akukho mthabathi-nxaxheba wasekhaya oshiywe ngaphandle.
Misa iimeko ezifunwa ngabathabathi-nxaxheba zokuhlangana phambi kokufumana amalungelo kumhlaba nobutyebi. Ukuquka nezi kuyilo lolawulo okanye umgaqo-siseko. Fumana igcisa ngaphandle nenkxaso yomthetho ukuba kuyimfuneko.
Nika abantu ukhuseleko lwexesha elide namalungelo kumhlaba nobutyebi. Abantu bafuna ukwazi apho beme khona kwaye yintoni esecicini phambi kokuba babe nokuzalisa ixesha nemali ekulawuleni ubutyebi babo.
Qinisekisa ukuba abantu bayawaqonda amanye amaziko asebenza kumanqanaba awohlukeneyo. Abantu kufuneka bayazi imigaqo karhulumente neemvumelwano zamazwe ngamazwe ezinokubanceda okanye ezinokuphembelela imisebenzi yabo.Kufuneka baqonde indlela igalelo labo elihambisana ngayo nentshukumo yeCBNRM ebanzi elizweni, e-Afrika nakwihalabathi lonke.
Khangela ulungelelwaniso kwindima nempembelelo yeenkosi. Uluntu kufuneka lugqibe ukuba iinkosi kufuneka zimelwe okanye zingamelwa.
Chaza amalungelo empahla yasekhaya ngokucacileyo. Cacisa ngubani onelungelo kobuphi ubutyebi neengingqi kwaye ngawaphi loo malungelo neemfanelo.
Dibanisa amaziko asekhaya nawemveli nezixokelelwano zolwazi lwasekhaya kwinkqubo yonke. Ulwazi olungekho sikweni kufuneka njengolwazi olusesikweni lukhangelwe phambi kokuba lwamkelwe ngokupheleleyo. Zama ukuqonda iiyantlukwano kwizixokelelwano zenkolelo nolwazi phakathi kwabathabathi-nxaxheba abahlukeneyo.
Qonda ukuba ukuphuhlisa amaziko anobuchule yinkqubo ecothayo kwaye edinisayo ngokuhamba kwexesha kude kube yiminyaka elishumi. Inkqubo enjalo ifuna inkxaso yexesha elide nezingileyo. ICBNRM isoloko ibandakanya iinguquko ezinkulu zopolitiko nezenkcubeko; oku kuthatha ixesha.
Amagosa asekhaya kufuneka azinzise amaqela asebenzayo eCBNRM, amelwe ngamacandelo awohlukeneyo ukuquka necandelo elingekho sikweni abe nemfanelo yokuyila nozalisekiso lokokuqala lohlobo lwephulo lweCBNRM kwinqanaba likamasipala.
Ukuzinzisa iqela lenkxaso leCBNRM lesizwe. Eli qela kufuneka libe nemfanelo yokumela iCBNRM kwiinkqubo zesizwe ezisebenza ngomthetho wommandla/wemvelo nomgaqo nokunika inkxaso yobugcisa kwistafu samaphondo nawangaphandle.
Ukumanyanisa izifundo zoqeqesho lweCBNRM oluthile kwiinkqubo zoqeqesho lwamagosa esebe nawasekhaya.
Ungakwenzi:
Ukuthelekelela ngaphezulu ubuchule bemibutho esekelwe kuluntu ukuzalisekisa imisebenzi yolawulo.
Uthelekelela ngaphantsi indima engundoqo yeenkokheli zasekhaya nokumelwa.
Ukuthelekelela ngaphantsi imfuneko enkulu yophuhliso oluzingileyo lwemibutho.
Uncedo/kwenzuzo loqoqosho nolunye ukunika inkuthazo kukusetyenziswa ngobulumko ubutyebi obukhoyo
Cacelwa malunga nokulindelwe nokufunwa kwinyathelo. Zinzisa umbono ocacileyo kokulindelwe ngabantu, kodwa nyaniseka malunga noncedo/kwenzuzo olunokuvela.
Nyaniseka malunga noncedo/kwenzuzo olunokuvela kwelinye inyathelo, yenza izifundo ezinokwamkelwa kukubakho kweshishini lorhwebo elisekelwe kubutyebi bendalo.
Yila iintlobo ezahlukeneyo zoncedo/kwenzuzo, umzekelo ezexesha elifutshane nezexesha elide, ezibambekayo nezingabambekiyo.
Qinisekisa ukuba uncedo/kwenzuzo oluya kubantu basekhaya luthelekiswa ngokwamkelekileyo nexabiso kubantu basekhaya bolondolozo nokulawula ubutyebi bendalo. Qinisekisa ukuba kunexabiso kubo ukuzinikezela kumhlaba kwixesha nakwiCBNRM kunezinye iinjongo.
Yakha izakhono zokulawula, zokulawula imali nezeshishini.
Qonda ukuba uncedo/kwenzuzo oluvela kwiCBNRM alusayi kusombulula zonke iingxaki kuluntu.
Qinisekisa ukuba kukho uncedo/kwenzuzo lwexesha elifutshane ukuvala isikhewu phambi kokuba kuqalise ukuvela uncedo/kwenzuzo olukhulu. Kumaphulo eCBNRM umsebenzi omninzi soloko ufunwa phambi kokuba uncedo olulo lunokufunyanwa. Thetha-thethana nee-arhente zemali 'iindleko zemihla ngemihla' ukwanelisa izigaba zokuqala zephulo.
Abo benza umnikelo omkhulu okanye igalelo labo linokuba noncedo/kwenzuzo kunabanye.
Qinisekisa abantu ngoncedo/kwenzuzo olungabandakanyi mali olufana nenkxaso nokhuselo lwasemthethweni lwendawo kwizoyikiso zangaphandle; inkxaso yobugcisa, yemali nopolitiko yokulawula kwabantu basekhaya imisebenzi yabo; ukugcina ukukhula kobuchule boluntu lwasekhaya, ukubanceda ukuba balawule iingingqi zabo nobutyebi ngokufanelekileyo, ukuqhubela phambili iinkonzo, ukufikelela kwimboleko-mali uncedo kuthetha-thethana kwizigqibo zorhwebo necandelo labucala.
Sukukwenza:
Ukuqalisa iCBNRM apho urhwebo lobutyebi lokungenisa imali lungagcinakala.
Ukunyusa ukulindelelwa okungekuko ngokuphathelele kuncedo/kwenzuzo
Ukuthembela kwinkxaso yabanikeli yexesha elide ukulungelelanisa iincwadi.
Ukucinga ngeCBNRM xa kucacile ukuba iingcinga nokwenza komenzeli karhulumente akayixhasi imiqathango yeCBNRM.
Ukuthelekelela ukuba abantu basekhaya ngalo lonke ixesha babelana ngamaxabiso angeyomali abayili bolondolozo abalubeka kwizityalo okanye kwizinto eziphilayo neendawo eziphila kuzo.
Ukuqalisa ungenelelo ngengqiqo yexesha elifutshane.
Kukho imigaqo nemithetho esebenzayo, ezalisekisiweyo kwaye igunya linikezelwa kwelona nqabana lisezantsi apho kukho ubuchule
Qinisekisa ukuba inkqubo yomgaqo iqukene, ilungisiwe kwaye inobumvoco. Ukubandakanya uluntu kwinqanaba lokuqala kukuveliswa komgaqo. Kufuneka kube nokwenzeka ukuba imigaqo ilungiswe kwaye ihlaziywe ngokwamava.
Amaxwebhu omgaqo kufuneka kube lula ukuwaqonda kwaye kube lula kakhulu ukuwafumana. Gcina iimpawu ezingundoqo zilula.
Yila imigaqo ebanzi neyenza isakhelo yesizwe neyephondo, ezinokunika isiseko kulwakhiwo lwemithetho yasekhaya.
Abela abaphantsi ukuzalisekisa kwinqanaba elisezantsi likarhulumente apho kukho ubuchule: amagosa akwinqanaba lasekhaya kufuneka aqeqeshwe ukuze anike uncedo kulungiselelo lokuceba iphulo luluntu.
ISebe ngalinye kufuneka longamele ukuthotyelwa kwemithetho, imigaqo neemvumelwano zasekhaya. Kufuneka bongamele umsebenzi wamagosa amasebe.
Imigaqo kufuneka ibe namandla. Izigwebo nolunye untswinyo kufuneka lufumane ubungqongqo obuqhubela phambili xa imithetho yophulwayo. Vumela amagosa kumndilili ukuba basebenzise ubulumko babo xa kusetyenziswa umthetho. Imeko nganye yahlukile.
Yenza iimeko zicace kubantu basekhaya phambi kokuba igunya lobutyebi bendalo bube nokugunyaziswa. Ezi ziquka: ukuba negunya lolawulo elikhethiweyo, ukuzinzisa ubukho basemthethweni njengeTrust, Common Property Associate okanye inkampani iCandelo 21; ukubonisa umgangatho omncinane wobuchule bokulawula; ukuba nesixokelelwano sokongamela. Ukwenza amalungiselelo enkxaso yobugcisa yangaphandle ukunceda uluntu ukuba luzinzise oku.
Ukuzinzisa imali yoqeqesho lweCBNRM ukuphuhlisa izakhono zabasebenzisi basekhaya ngokungaguquguqukiyo ukulawula ubutyebi babo kunye nabanye abathabathi-nxaxheba ukuquka amagunya kamasipala ukuhlala kuyinxalenye yenkqubo.
Susa izithintelo phakathi kwabenzeli okanye yenza ibhlorho yokoyisa izithintelo. Umenzeli ngamnye kufuneka achaze indima yalo kukusetyenziswa komhlaba ohlangeneyo. Abenzeli kufuneka bazinzise izibhengezo zeCBNRM kwimigangatho eyahlukeneyo nokunika ngokufanelekileyo uqeqesho nemali kwezi. Iqela lokusebenza lweCBNRM lomenzeli odibeneyo kufuneka lizinziswe kwimigangatho yesizwe neyephondo.
Phembelela inkxaso yeCBNRM kulawulo oluphakamileyo nakwinqanaba lezopolitiko kurhulumente nakwicandelo labucala. Luyimfuneko kukulawula ngobuchule uxhathiso ngamanye amagosa kwimbono nakwiinjongo zomgaqo zeCBNRM. Ngaphandle kwenkxaso evela phezulu izithintelo ezinkulu kwinguquko kunzima kakhulu ukuzoyisa.
Fumana ulwazi olufanelekileyo phambi kokuba utyikitye iimvumelwano ezisesikweni. Ukwamkela kweemvumelwano zokwabelana koncedo/kwenzuzo/kwenzuzo kuqoqosho nezinto eziphilayo neendawo eziphila kuyo, ulawulo oluhlangeneyo nokugqithisela umhlaba nezinye iziphiwo kufuneka zibe ngaphaya kokuthandabuza.
Ukuchonga imigaqo enokwenza uluntu lube nakho ukwandisa koncedo lwemali kwiCBNRM. Qinisekisa ukuthotyelwa koku.
Nika izikhokelo zoshishino ukufikelela kwiimveliso zezityalo nezilwanyana ezininzi ezibanzi ezisemhlabeni , kulwahlulelwano noluntu lwasekhaya. Sebenza kunye namaqela akhoyo ukuqhubela phambili uphuhliso lorhwebo olusekelwe kuluntu.
Sukukwenza:
Ukugqalisela kakhulu kwinyathelo elinobulumko loyilo olunobuchule kunye nolawulo lophulo. Inkqubo ngokuqukanisa iyafuneka, equlethe amalungu anamandla kakhulu.
Ukuzama ukufana: izikhokelo kufuneka zifumane ulungelelwaniso phakathi kokunika isithuba sobumvoco nokuqinisekisa ukuba kukho ukuvana, imithetho eqhelekileyo, isigama esiqhelekileyo.
Ukubona amaphulo ngokokwayo njengesiphelo kuwo, yibone njengamalungu enkqubo yeCBNRM enxulumeneyo kwaye ezingileyo kumanqanaba esithili, ephondo nakwawesizwe.
Kukho ukuqhubela phambili okunovakalelo nemfanelo oluvela ngaphandle
Qinisekisa umgangatho ophezulu, ukuqhubela phambili 'kokubamba okulula''kulula ukuba kubekho. Oku akufuneki ukuba kube kumanqanaba okuqala amanyathelo kuphela kodwa abekho kwixesha elide. Ukuqhubela phambili kungenzeka kukuzimisela 'komahlulelane' kwisimo seNGO, umcebisi okanye isebe likarhulumente.
Ukuphuhlisa imbono yasekhaya yexesha elizayo. Vumelana kwinkqubo, exhaswa ngabathabathi-nxaxheba bonke ukusebenzela malunga nale mbono.
Yakhela kwixesha lokuphuhlisa intembeko phakathi kwabathabathi-nxaxheba bonke
Hlala ubambelele kwinkqubo, kwaye ulingise isimbo yandisa uncedo lwabo njengoko amanyathelo eguquka.
Yiba nenkathalo ngabantu abangakwaziyo ukufunda nokubhala njengenxalenye yenkqubo. Oku kungaphunyezwa ngendlela ezingafuni kufunda nakubhala ezifana nokuThabatha iNxaxheba ekuFundeni noKwenza okanye UkuXabisa ukuThatha iNxaxheba yamaPhandle.
Ukusebenzisa izixhobo ezibonwayo ezininzi kangako. Iimephu, iividiyo, iifoto, utyelelo lwangaphandle luluncedo/kwenzuzo kubo bonke abathabathi-nxaxheba ayiloncedo/kwenzuzo kubantu abangafundanga kuphela.
Nika ingqwalaselo kwiiyantlukano zolwimi nenkcubeko phakathi kwabathabathi-nxaxheba. Abathabathi-nxaxheba abahlukeneyo kufuneka bazive bekhululekile ekuzivakaliseni ngamaqhalo abo, kwaye kwiimeko ezininzi oku kuya kufuna uguqulelo.
Yiphephe 'imiyalezo' enokubonisa ukuba abanye abantu okanye amanye amaqela angaphezulu kunamanye. Oku kuquka igama lenyathelo, izikhundla ezinikwe iingqwayingqwayi ezahlukeneyo nezijekulo zemiqondiso ezifana nendawo yokuhlala, amalungiselelo okutya nokuhlala, impahla enxitywayo, ulwimi lomzimba nokusetyenziswa kwezithuthi.
Khuthaza abaququzeleli babe ngabahambi phakathi kwaye babe ngabaqeqeshi.
Nika abantu basekhaya ithuba lokuqhubela phambili iinkqubo zasekhaya ezifana neentlanganiso zamaqumrhwana anamalungu alikhulu namaqela asebenzayo.
Gcina uthungelwano nabaququzeleli abasebenza kwezinye iindawo. Iingxaki ezifanayo zidla ngokufunyanwa kwiindawo ezahlukeneyo.
Qonda ukuba ukuchaza nje ukuthabatha inxaxheba kuya kunyusa ukulindelwa. Oku akunakuphetshwa kufuneka kulawulwe kwasekuqaleni. Izifundo zoqeqeshpo soloko zinyusa ukulindelwa kokufumana imisebenzi.
Zilungiselele ukuhlala ixesha elide.
Sukukwenza:
Ukudibanisa 'uluntu' oku kungaguquguquki kungakhokelela kwingxabano. Uluntu luyazichaza luze luphinde luzichaze ngawo onke amaxesha kwaye lonke uluntu lunamaqelana anezidingo ezahlukeneyo nolangazelelo
Ukugqithisa abaququzeleli abanezakhono kwangethuba beqalisa ukuvelisa iziphumo.
Ukuphelisa ubunkokeli basekhaya ngobuchule obunamandla.
Amagunya kwinqanaba lasekhaya amkelekile kwiCBNRM, kwaye ayaqondwa
Lindela ukuba ngenxa yokugqithiswa kwalo naliphi igunya kuya kubakho ingozi yokuvela kweqela labantu abakhethiweyo abaya kusebenzisa eli gunya ukuzifumanela eyabo inzuzo. Oku kwenzeka phakathi kwabacebisi bakarhulumente okanye kumgangatho woluntu okanye kwikomiti elawulayo yemibutho esekelwe kuluntu.
Yakha indlela yokulwa ukuxhakamfulwa kwegunya ekwimigaqo-siseko yamaqela alawulayo awohlukeneyo.
Chonga iinkokeli ezahlukeneyo kwimisebenzi eyahlukeneyo. Oku kusasaza indima yobunkokeli kwaye kulungelelanisa igunya.
Qinisekisa ukuba abameli boluntu basemthethweni kwaye abazonyulanga. Yakha kumgaqo-siseko weqela elilawulayo ukuba abameli kufuneka bacebise namaqela abawameleyo. Abameli kufuneka banikwe ixesha lokwenza oko.
Phucula uluhlu olubanzi lwabameli. Imibutho yasekuhlaleni kufuneka imele ukwahlukana kwabantu basekhaya namaqela ngokwaneleyo kwaye oku kufuna kuthathelwe ingqalelo yeeyantlukwano kuluntu oluthile neeyantlukwano phakathi kwabo.
Sebenza ngongquzulwano lwemidla kwaye sebenza ngezidingo neemfuno kuluntu. Qinisekisa ukuba abathabathi-nxaxheba bayazazi ii-ajenda zabo neenjongo.
Nika abantu basekhaya amalungelo asemthethweni awomeleleyo kubutyebi ukuze babe nokusebenzisa umthetho ukukhusela ubutyebi babo kubangeneleli.
Lumkela ukunganyaniseki kwabasebenzi beshishini. Ukulwa phakathi koluntu nangaphandle kuboniswe njengesoyikiso esimandundu ukusebenzisa ulawulo lobutyebi kumgangatho. Aba bantu badla ngokuba namandla kwaye bangayihoyi imithetho yasekhaya kwaye bajongele phantsi impembelelo yamaziko asekhaya.
Qokelela ulwazi lwembali olunzulu, ukuqonda usunduzwano lwegunya lwamandulo nolwangoku neembali zepolitiki nezenkcubeko.
Sukukwenza:
Ukulindela 'ukucingela kakhulu abanye' nonamathelwano kuluntu lwasemaphandleni kunalo naliphi iqela.
Ukubonisa ukuthatha icala kukruthakruthwano ngegunya, imbumba ingaguqula ngemini.
Ukuhambela phezulu ngenxa yolonwabo kwinqanaba lokuqala lwembumba yamanyama nolwentembeko ekugqibeleni.
IMIQATHANGO YOKUSEBENZA KOLUNTU, KWAMAGCISA NABENZI BEMIGAQO KWICBNRM
Imigaqo yokusebenza elishumi yomntu wonke
Jolisa ekwabelaneni ngolawulo nemfanelo. Ukuthabatha inxaxheba kukwenziwa kwezigqibo nokunikelwa kwegunya komnye umntu (ziziseko zeCBNRM) kuthetha ukuba 'yiyeke ihambe' nokunikezela ngegunya. Oku kudla ngokukhokelela kwiziphumo ebezingaqikelelwanga okanye ebekujoliswe kuzo. Ezi zibi ngakumbi kuneenjongo zokuqala, kodwa zingazisa umceli mngeni kwezo bezisetyenziswa ukulawula iimeko.
Vavanya kwaye wongamele lonke ixesha. Ukuvavanya kufuneka kubonwe njengenxalenye ehlangeneyo nenkqubo yonke. Isifundo esinokwenzeka esifanelekileyo kufuneka senziwe phambi kokuba kundululwe naliphi inyathelo kwaye iinkqubo zovavanyo ezicacileyo kufuneka luqukwe kuyilo lwenyathelo naliphi leCBNRM. Inkqubo kufuneka 'kuthatyathwe inxaxheba kuyo' (ukubandakanya wonke umntu), kwaye 'ichaze' (ichaze iinguquko kwinkqubo).
Nxibelelana phandle, ngokucacileyo kwaye njalo, kwaye kugcine oku kwinkqubo yonke. Iindlela zonxibelelwano ezisesikweni kufuneka zizinziswe kangangoko kwaye kufuneka kukho indawo yoqhagamshelwano olungekho sikweni olongeziweyo.
Zilungiselele ube nobumvoco kwaye uzilungiselele kwiimeko eziguqukayo. Zilungiselele iziganeko ezingalindelekanga nezothuko onokuba nolawulo lwazo oluncinane.
Yiba nobuchule kwaye uzibophelele lonke ixesha. Oku kungandiselwa kuzo zonke iingqiqo ukuquka ukuziwa ngokupheleleyo kwiintlanganiso nokuthotyelwa kwemimiselo evunyiweyo, ukungeniswa kwengxelo, ulungiselelo olufunekayo lwenkxaso efunekayo kwaye evunyiweyo nokuvavanya iindima zabantu neemfanelo.
Thathela ingqalelo i-ajenda yakho. ICBNRM imalunga nabantu nobutyebi bendalo. Bonke abantu banamandla nobuthathaka, amathemba, iminqweno, izidingo neemfuno. Ukudibanisa abantu abahlukeneyo ukuba basebenze kunye kwinjongo kucela umngeni kakhulu kwaye zange kube lula. Onke amanyathelo ingakumbi ukubandakanya imali kunye namathuba okuvelisa imivuzo kuhenda abantu ukuba baphucule imidla yabo. ICBNRM akufuneki ibe yindlela yokuphucula iminqweno yako okanye yezopolitiko yomnye nomnye okanye amaqela nakweliphi icandelo.
Yiba nomonde kakhulu kunokuqhelekileyo. Lindela ukuthabatha inxaxheba kulawulo lobutyebi bendalo lube yinkqubo ecothayo kwaye eyandayo. Ii-Arhente zabanikeli norhulumente kufuneka ziqonde ukuba inkqubo yokuchaza nokubhalisa imibutho esekelwe kuluntu nokuphuhlisa ubuchule bamaziko yinkqubo ecothayo kwaye edinisayo kwingqiqo yexesha lokuya kumashumi eminyaka, ifuna ukuzibophelela kwexesha elide nenkxaso ezingileyo.
Hlonela isixokelelwano senkolelo yasekhaya. Thathela ingqalelo imbali, inkolo, iiyantlukwano kumasiko nezithethe kwaye suku;lindela ukuba abantu basekhaya soloko benobuchule kwaye 'benengqiqo' yentsingiselo yasentshona. Qonda imimiselo yasekhaya kwaye ube novakalelo lwezakhiwo zikarhulumente wemveli apho oko kufanelekileyo. Hlonipha izixokelelwano zolawulo lwemveli kodwa qinisekisa ukuba zinyanisekile.
Yakha intembeko kwaye sebenza ngamandla ekuyigcineni.
Khulisa iingqwayingqwayi, iinkokeli, abaququzeli, abagcini beenkqubo, bamaziko, benkumbulo nolwazi olubandakanywa kwiCBNRM. Sasaza imfanelo uze ugcine indawo yeenkokeli ezivelayo nezizayo ukwenza uphawu.
Imigaqo yokusebenza elishumi elinesibini yoluntu
Gcina kwaye ukhusele ubutyebi. Xa buthe bemka akukho CBNRM. Yandisa imimiselo yokuziphatha, uyilo lolawulo eluxhaswa ngumntu wonke. Sebenza noomahlulelane ukuvelisa uyilo lolawulo olululo lobutyebi. Dibanisa ingqiqo yabantu nolwazi lobutyebi nolwazi loomahlulelane ukwenza uyilo olusebenzayo. Quka kuyilo imithetho evunyiweyo malunga nokusebenzisa ubutyebi. Quka kwakho indlela yokongamela ukusetyenziswa neemeko zobutyebi. Kufuneka ubandakanye zonke iingqiqo zophuhliso nokuzalisekiswa koyilo kukonganyelwa.
Sebenza nabantu abaninzi kangangoko. Kubalulekile ukuba onke amazwi avakale kwaye ahlonitshwe kuwo onke amanqanaba. Ingakumbi kumaqela anganyanzelisi kakhulu kwaye abanye nabanye kufuneka bakhuthazwe ukuba banikezele ngeengcinga zabo. Lumka malunga namaqela anamandla nabanye nabanye abazama ukusebenzisela inyathelo iinjongo zabo. Kubaluleke ngakumbi ukufumanisa ukuba ngubani obandakanyeka kakhulu kubutyebi bendalo. Igalelo laba liya kubaluleka kwaye imidla yabo kufuneka imelwe ngokufanelekileyo.
Sebenzisa umbutho owomeleleyo kwaye omelwe ngokufanelekileyo njengekomiti ukumela abantu basekhaya. Ukuba iziko elinamandla njengeDevelopment Trust, esele libonisile ukuba lenza umsebenzi omhle, esele likho lisebenzise. Ukuba akunjalo khetha elineyaniso, elithembekileyo, elikhutheleyo kwaye elizibophelela ebantwini kumacandelo awohlukeneyo kuluntu akhokele inkqubo egameni loluntu.
Cacelwa malunga nokulindelweyo nokufunwayo kwinyathelo. Zinzisa imbono ecacileyo yokulindelweyo kodwa nyaniseka ngoncedo/kwenzuzo olunokuvela. Qinisekisa ukuba bonke abanye oomahlulelane bangaphandle bayaqonda kwaye bayahambisana nembono. Lumkela ukuba ingcinga yakho ingahoywa okanye ingananzwa ngabanye oomahlulelane.
Qonda ukuba kukho iintlobo ezahlukeneyo zoncedo/kwenzuzo, kwaye ezinye zezexesha elifutshane ize ezinye ibe zezexesha elide. Abantu abaninzi baya kuba nomdla kuncedo/kwinzuzo lwemali kwangoko. Olunye uncedo/inzuzo ekunzima ukulubona luquka ukuhlala kakuhle kummandla, ukuphuhliswa kwezakhono ngokwenza nangemfundo intsebenziswano kuluntu nabanye nokuphucula amathuba empiliso. Uncedo/inzuzo lwenkxaso evela kurhulumente, kumnikeli okanye iNGO iquka: ukhuseleko lwexesha elide namalungelo kubutyebi nomhlaba, ukhuseleko kwizoyikiso zabangeneleli, ukufikelela kwimboleko-mali, uncedo nothetha-thethwano necandelo labucala. Thetha-thethana ngezi kwaye uqiniseke ukuba zicaciswe ngokucacileyo kumntu wonke kuselithuba kwiphulo.
Qonda ukuba uncedo/kwenzuzo oluvela kwiCBNRM alusayi kusombulula zonke iingxaki. ICBNRM inganika kuphela amathuba ambalwa okunceda ukuhlangabezana neemfuno zabantu. Kufuneka ibonwe njengesongezo kwezinye iindlela apho amalungu oluntu enza impilo yawo. Abantu kufuneka bakhuthazwe baqhubekeke nemisebenzi yabo eyahlukeneyo kwaye bangathembeli ngokupheleleyo kuncedo/kwinzuzo oluvela kwiCBNRM.
Aba benza umnikelo omkhulu okanye igalelo kufuneka befumene uncedo/inzuzo ngaphezulu kunabanye. Abo balahlekelwa kakhulu ngenxa yeenguquko zeCBNRM nendlela abasebenzisa ngayo ubutyebi kufuneka baxhaswe baphuhlise eminye imisebenzi evelisa umvuzo. Kufuneka bafumane imbuyekezo mhlawumbi ngokuqeshwa kwiphulo. Ukuba lonke uluntu luyabandakanyeka kufuneka lonke uluntu lufumane uncedo/inzuzo. Abanye abantu baya kufumana uncedo/inzuzo ngaphezulu kunabanye ngezinye iindlela abaqeshwe ngazo. Amalungu oluntu anegalelo kakhulu kwinkqubo kufuneka alindele uncedo/inzuzo olungaphezulu kunabanye. Oku kufuneka kuxoxwe kwasekuqaleni kuba kungenza ingxabano ukuba kushiywe nje.
Lindela ukuxhalaba nokuvela kongquzulwano. Kulo naliphi iqela labantu ingakumbi xa kukho imali okanye ulawulo lusendaweni yendlela abantu abangalusebenzisa ngabo ubutyebi ingxabano zilungiselele ukusebenza ngoku phambi kokuba zibe mbi ngakumbi. Inceda unxibelelwano oluphandle nolulungileyo, kwaye vumela amazwi abantu ukuvakalisa izikhalo nokukhathazeka kwabo. Oku kufuneka kuxoxwe phandle kwaye kuphendulwe ngendlela efanelekileyo.
Qinisekisa ukuba wonke ubani ukuba uyayiqonda indima ekufuneka eyidlalile kwinyathelo kunye neemfanelo. Bamba iintlanganiso ezininzi ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uyayazi indlela ekufuneka enegalelo ngayo kwinyathelo kwaye wenza oko bekuvunyelwene ngako. Yenza umgaqo-siseko ngokuphathelele kwiindima ezahlukeneyo kwangoko.
Gcina uqhagamshelwano kuluntu nangaphandle. Kufuneka kukho unxibelelwano olufanelekileyo phakathi kwabantu ababandakanyekayo lonke ixesha. Ukongeza kwiintlanganiso ezisesikweni abameli boluntu abaphambili kufuneka babonakale kwamanye amalungu oluntu noomahlulelane. Oku kuya kunceda ukusebenza ngeengxaki okanye izinto ezintsha ezinokwenzeka.
Qonda ukuba kuya kuthatha ixesha ukuvela koncedo/kwenzuzo olukhulu. Kumaphulo eCBNRM umsebenzi omninzi uyafuneka phambi kokuvuna inzuzo. Indima ebalulekileyo yabameli boluntu igcina uluntu lukhuthazekile kwaye luzibandakanya nakubeni kungekho nzuzo yamali iveliswayo. Thetha-thethana norhulumente nabanye oomahlulelane ngenzuzo yakufutshane nje.
Qiniseka ukuba abantu bayaqonda indlela umhlaba wabo nobutyebi ezingena ngayo kumgaqo wesizwe nowamazwe ngamazwe. Funa uncedo loomahlulelane nemibutho exhasayo ukuphumelela oku. Abantu kufuneka baqonde imigaqo karhulumente ephathelele kubutyebi bendalo nolawulo. Abantu kufuneka baqonde indlela igalelo labo ukuba lingena njani kwiintshukumo zeCBNRM ezibanzi kwilizwe, e-Afrika nakwihlabathi liphela.
Imiqathango yokusebenza elishumi elinesibini yamagcisa
Gcina iinketho zakho zivulekile kwaye khulisa ukwahlukana kuyo yonke imigangatho. Uluhlu lobutyebi obunokusetyenziswa, iintlobo ezahlukenyo zomsebenzi onegalelo kwiCBNRM, kunye nemithombo eyahlukeneyo yemivuzo yamakhaya, ukunceda uluntu ukuba luphile. Ezinye iimeko zingakunceda ukuba zivuke ngokutsha emva kwenguquko engalindelwanga yezopolitiko, yezoqoqosho nezezinto eziphilayo neendawo eziphila kuyo kuba kukho into ekhoyo.
Lawula kwaye wongamele ubutyebi bendalo ngocoselelo. 'Isiseko sobutyebi' sisiseko sokwakha iCBNRM. Ukuba esi siseko sitshatyalalisiwe inketho yokuzixakekisa ngeCBNRM ayisekho. Funa ulwazi oluthembakeleyo malunga neephatheni zokusebenzisa ubutyebi yintoni esetyenziswayo, isetyenziselwa ntoni, isetyenziswa kangakanani kunye nokuveliswa kwesixokelelwano esinokubakho sokugcina izinto neendawo eziphila kuyo phambi kokuba wenze iimvumelwano ezisesikweni. Zalisa nayiphi inxalenye yenzuzo efanelekileyo kulawulo lobutyebi bendalo. Amava abonise ukuba inzunzo eli- 10 ukuya kuma- 20 % ifanelekile. Imali eyiyo iyakuxhomekeka kwimeko.
Yakha imibutho yasekuhlaleni. Ukuze uqinisekise intsingiselo eyomeleleyo yobunini basekhaya, umbutho wokulawula wasekuhlaleni kufuneka ulawulo nokwenza izigqibo. Sebenzisa kangangoko imibutho ekhoyo kunokwenza emitsha. Kodwa yenza izigqibo ezinemfundiso malunga noku kwaye ungafaki engozini iinjongo zeCBNRM ukuba imibutho emitsha iyafuneka. Lo mbutho uya kufuna inkxaso efanelekileyo noqeqesho olufanelekileyo ukwenza umsebenzi.
Qinisekisa ukuba iCBNRM ivelisa inzuzo eyiyo ngoku, ekuhambeni kwexesha kubantu basekhaya. Qinisekisa ukuba unzuzo yabantu basekhaya ithelekiswa ngokwamkelekileyo nexabiso lasekhaya lokulondoloza nokulawula ubutyebi bendalo. Abantu basekhaya bakhokelela kubomi obuxakekileyo kwaye umhlaba awanelanga. Baya kuzalisa kwixesha, kumhlaba nakobunye ubutyebi kwiCBNRM ngaphandle kokuba kukho inzuzo efanayo. Qinisekisa ukuba kukho indlela yempahla okanye iinkonzo eziveliswa yiCBNRM. Velisa uyilo lweshishini olucacileyo lwephulo. Olu yilo kufuneka luphendule imibuzo yolawulo olusemgangathweni nokungaguquguquki namaxesha esibonelelo.
Lindela inguquko enkulu kwimeko nganye kwaye ulawule imeko nganye ngokobubodwa. Zinzisa imithetho yasekuhlaleni, imimiselo yokuziphatha 'indlela yokwenza' ngokufunda njalo nokulungisa. Qaphela imigaqo yasekhaya, yephondo neyesizwe neendlela nokuzisebenzisa kuncedo lwakho. Kukho uyilo olusephepheni lweCBNRM. Sebenzisa izifundo ezifundiweyo kumava adlulileyo kwaye uwongamele njalo.
Yenza uyilo lolawulo. Qala ngoyilo olusisiseko oluphuhliswe ekuhlaleni/ekhaya, misela imithetho, okanye umgaqo-siseko kwaye wakhele kuwo. Fumana icebiso lencutshe kodwa qiniseka ukuba uyilo lufezekisa izidingo zasekhaya.
Sebenzisa abaququzeleli abanezakhono nabanye abaxhasi nabacebisi onokubathemba kulo lonke inyathelo lendlela. Injongo yokugqibela yenyathelo leCBNRM kukugcinakala ngaphandle kokuqhutyelwa phambili ngaphandle, kodwa oku kungathatha ixesha elide. Kwezinye iimeko iincutshe zeenkonzo ezifana norhwebo zisenokubonelelwa ngumahlulelane wangaphandle. Oku kwenzeka kwiimeko ezininzi zamashishini.
Qinisekisa ukuba ngabantu abafanelekileyo ababandakanyeka kwiCBNRM. Bandakanya abantu abanobuchule, ulangazelelo novelwano abaqhagamshelana lula nabanye. Umdlali uluntu, abathabathi-nxaxheba bakarhulumente nabaxhasi kufuneka banyule 'ingqwayingqwayi' ezimiseleyo ukwenza umsebenzi ongundoqo okanye inyathelo. Yandisa ubunkokeli ngokunika abantu abangenamava iimfanelo kwaye unike inkxaso eyaneleyo nokucebisa.
Lindela ingxabano nokrutha-kruthwano lwegunya kwaye kuyilele oku kwangaphambili. Ukrutha-kruthwano lwasekhaya luyavela xa kukho inzuzo ebambekayo kwaye uluntu aluhlangani ngokupheleleyo. Sombulula ingxabano kwangexesha.
Yenza imbumba noomahlulelane bangaphandle kwaye sebenza kakhulu ukugcina oku. Sebenza neminye imibutho kumacandelo karhulumente nawabucala kwaye benzele ithuba. Qinisekisa ukuba nabo bafumana inzuzo kodwa qiniseka ukuba oku kungadala ukungevani. Ukuba oomahlulelane bangaphandle iqela lesithathu bayabandakanyeka kwiingqiqo ezisisiseko zenkqubo njengokuvuna ubutyeb, sebenza kufutshane nabo ukulawula nokongamela imisebenzi yabo.
Qingqa imali ngendlela eyiyo. Ixesha elongezekileyo nemali ziyafuneka ukwenza ukuthabatha inxaxheba nentsebenziswano zisebenze. Ulawulo oluhlangeneyo luxabisa ngaphezulu kwaye luthatha ixesha kunolawulo lwemvumelwano kodwa luyasebenza ekuhambeni kwexesha. Inzuzo engundoqo yeyokuba ulawulo oluhlangeneyo lunika iimbono ezahlukeneyo kwaye lunceda ngohlanganiso lwengqiqo ezininzi ezahlukeneyo zeCBNRM.
Tyileka kwaye unyaniseke. Chitha ixesha kuthetha-thethwano uzame ukuhlangabezana okunyanisekileyo. Kodwa sukuba ngumntwana malunga namaqela enemidla yawo. Nxibelelana ngeenjongo zakho, ngoyilo neendlela zicace kuwo wonke ubani kusasukwa. Khuthaza ukutyhileka, imibuzo nengxoxo-mpikiswano ngawo onke amaxesha. Qiniseka ukuba ingxelo yamaqela onke ihlanganiselwe kuyilo olulandelayo.
Imiqathango elishumi elinesithathu lwabenzi bomgaqo
Yenza inkqubo yomgaqo equkeneyo, elungisiweyo nenobumvoco. Bandakanya uluntu kwinqanaba lokuqala ekuvelisweni komgaqo. Yenza inzame ethile yokudibanisa ulwazi lwasekhaya olunyanisekileyo nolwazi lwemveli kwimigaqo apho kufanelekileyo
Amaxwebhu emigaqo kufuneka abe lula kwaye kube lula ukuwaqonda nokuwafumana. Gcina iimpawu ezingundoqo zilula. Phepha imiyalelo enzima nentetho exube namagama antsonkothileyo.
Yila imigaqo ebanzi neyenza isakhelo yesizwe neyephondo enika isiseko sokwakhela imithetho yasekhaya. Dibanisa imigaqo yasekhaya nenkqubo ye-IDP kwaye ubandakanye amagosa asekhaya. Amagosa asekhaya nenkqubo ye- IDP ingakumbi banika isiseko sohlanganiso kwinqanaba lasekhaya. Emva koku shiya indawo yabantu basekhaya ukuba benze eyabo imithetho besebenzisa ulwazi lwasekhaya namasiko.
Jolisa ekunikezeleni ngegunya ekugqibeleni kubasebenzisi ngokwabo bobutyebi, xa bathe banoqeqesho nezakhono ezifunekayo. Nika abantu ukhuseleko lwexesha elide namalungelo kubutyebi nakumhlaba. Abantu kufuneka bazi apho bami khona kwaye yintoni exhalabisayo phambi kokuba babe nokuzalisa ixesha nemali kulawulo lobutyebi babo.
Quka bonke abathabathi-nxaxheba basekhaya abangaphembelela inkqubo okanye abachukunyiswa yinkqubo. Nakana indima yobunkokeli bemveli kwiingingqi apho bunempembelelo.
Isebe ngalinye kufuneka longamele ukuthotyelwa kwemithetho, kwemigaqo neemvumelwano zoluntu. Kufuneka nabo bongamele umsebenzi wamagosa esebe.
Imigaqo kufuneka ibe namandla. Izigwebo nolunye untswinyo kufuneka lufumane ubungqongqo obuqhubela phambili xa imithetho isophulwa. Vumela amagosa kumndilili ukuba asebenzise ubulumko bawo xa kusetyenziswa umthetho. Imeko nganye yahlukile.
Yenza iimeko zicace kubantu basekhaya phambi kokuba igunya lobutyebi bendalo bube nokugunyaziswa. Ezi ziquka: ukuba negunya lolawulo elikhethiweyo, ukuzinzisa ubukho basemthethweni njengeTrust, Common Property Associate okanye inkampani iCandelo 21; ukubonisa umgangatho omncinane wobuchule bokulawula; ukuba nesixokelelwano sokongamela. Ukwenza amalungiselelo enkxaso yobugcisa yangaphandle ukunceda uluntu ukuba luzinzise oku.
Yakha ubuchule. Zinzisa imali yoqeqesho lweCBNRM ukuphuhlisa izakhono zabasebenzisi basekhaya ngokungaguquguqukiyo ukulawula ubutyebi babo kunye nabanye abathabathi-nxaxheba ukuquka amagunya kamasipala ukuhlala kuyinxalenye yenkqubo.
Susa izithintelo phakathi kwabenzeli okanye yenza ibhlorho yokoyisa izithintelo. Umenzeli ngamnye kufuneka achaze indima yalo kukusetyenziswa komhlaba ohlangeneyo. Abenzeli kufuneka bazinzise izibhengezo zeCBNRM kwimigangatho eyahlukeneyo nokunika ngokufanekileyo uqeqesho nemali kwezi. Iqela lokusebenza lweCBNRM lomenzeli odibeneyo kufuneka lizinziswe kwimigangatho yesizwe neyephondo.
Fumana ulwazi olufanelekileyo phambi kokuba utyikitye iimvumelwano ezisesikweni. Ukwamkela kweemvumelwano zokwabelana koncedo/kwenzuzo/kwenzuzo kuqoqosho nezinto eziphilayo neendawo eziphila kuyo, ulawulo oluhlangeneyo nokugqithisela umhlaba nezinye iziphiwo.
Yenza kube lula kuluntu ukuvuna inzuzo yemali kwiCBNRM. Imizekelo iquka: ukuvumela ukugqithisela impahla ethengisekayo kuluntu, ukuvumela uluntu imvume yokuthengiswa kwiqela lesithathu ( njengecandelo labucala, umahlulelane) kwimeeko ezithile, ukwenza lula imithetho yemali kumaqela athile ( ingakumbi abo bangenabuciko besiNgesi).
Qinisekisa abantu ngoncedo/ngenzuzo olungabandakanyi mali olufana nenkxaso nokhuselo lwasemthethweni lwendawo kwizoyikiso zangaphandle; inkxaso yobugcisa, yemali nopolitiko yokulawula kwabantu basekhaya imisebenzi yabo; ukugcina ukukhula kobuchule boluntu lwasekhaya, ukubanceda ukuba balawule iingingqi zabo nobutyebi ngokufanelekileyo, ukuqhubela phambili iinkonzo, ukufikelela kwimboleko-mali uncedo kuthetha-thethwano kwizigqibo zorhwebo necandelo labucala.
IMITHOMBO NOKUQHUBELA PHAMBILI UKUFUNDA
Isihlomelo 1. Indlela iCBNRM 'esebenza' ngayo
Indlela iCBNRM 'esebenza nebloko zayo ezahlukeneyo kwenziwe lula kumzobo 1
Iibloko zezakhiwo eziziziseko zeCBNRM zizinto eziphilayo nabantu ( iBhokisi I kumzobo 1). Ezinye iibloko zezakhiwo ezisisiseko: amaziko wasekhaya ( imimiselo yokuziphatha nemithetho) izakhono nobuchule jikelele zabathabathi-nxaxheba babe yinxalenye yeCBNRM; nezixhobo ezifunekayo 'zokwenza umsebenzi'. Ezi zizingeniso kwi CBNRM, ezondla iinkqubo ze CBNRM.
Iinkqubo zeCBNRM ziphenjelelwa ziimeko ezintathu: iziganeko zangaphandle ('izinto ezenzeka ngaphandle') ezifana nezikhukhula, imbalela nezothuso zopolitiko (ibhokisi II kumzobo 1); ungenelelo lwangaphandle olufana nemigaqo, neminikelo, uthetha-thethwano nonyanzeliso lomthetho (ibhokisi IV kumsebenzi 1); nolawulo lwasekhaya lwemisebenzi nobuchule - ezinto ezenziwa ngabantu basekhaya ngobutyebi bendalo (ibhokisi III kumzobo 1).
Iimveliso ('izinto eziveliswayo') ezivela kwiCBNRM ezifana nobutyebi, ukhuseleko lobutyebi okukhulu, imfundo engcono, ukuxhotyiswa, ukuphucula impiliso nokuphucula ubulungisa bezinto eziphilayo neendawo eziphila kuyo (ibhokisi V kumzobo 1). La malungu ahlukeneyo ayasebenzisana ngalo lonke ixesha. Amandla nobuthathaka babo, ubuninzi neenpawu, kuguquka njalo. Ngenxa yoku imveliso iguquka njalo impumelelo kwiCBNRM ayimanga ndaweni-nye kwaye ayihambi indlela enye eza ngayo.
Abaququzeleli, abanikeli, abantu basekhaya nabenzi bomgaqo banganempembelelo kwimveliso yeCBNRM ngokungenelela kwabo nezenzo zokulawula nobuchule. Kodwa okuninzi okwenzeka kwiCBNRM kungaphaya kolawulo lwabathabathi-nxaxheba basekhaya (iziganeko zangaphandle kwibhokisi II). Ezi zikhokelo zijolise ukunceda abathabathi-nxaxheba beCBNRM (uluntu, abaququzeleli, nabenzi bomgaqo ikakhulu) ukwenza uninzi lwezo ngqiqo zeCBNRM abanokuziphembelela, kwaye bamelane neziganeko zangaphandle abanefuthe oluncinane okanye elingekhoyo.
Njengoko kukho iimeko ezininzi nabathabathi-nxaxheba abaninzi ababandakanyeka kwiinkqubo zeCBNRM kunokubakho ukungahambi kakuhle kwezinto. Enye yeenjongo ezingundoqo zezi zikhokelo kukunceda abathabathi-nxaxheba ukuba bachonge imithombo yeengxaki, bayile ukuziphepha iingxaki nokoyisa ezo zinokuvela.
Izingeniso Inkqubo Iimveliso
Umothuko nezothuso
Imozulu: imbalela, izikhukula, inguquko zemozulu kwihlabathi
Inguquko zopolitiko zikarhulumente, ingxabano yamazwe ngamazwe, imbabano zoluntu
Ezoqoqosho: ukurhoxa kwehlabathi okanye ukunyuka kwamashishini, iimvumelwano zamazwe ngamzawe zamaziko, izibhalo zokuqala nemvumelwano
Abantu
Iinkonzo zezixokelelwano zezinto eziphilayo ( umhlaba, amanzi, izilwanyana nnenkqubo ezimalunga nezityalo nezilwanyana ezininzi ezibanzi emhlabeni nesifundo neenkqubo malunga nezinto eziphilayo neendawo ezihlala kuzo)
Amaziko
Ubuchule
Ulwazi
Izakhono
III Ubuchule nezenzo zolawulo lwasekhaya
Uluntu lwasekhaya nabaququzeleli
Ukuguquguquka kwendawo yokuhlala Ukukhupha
Ukulima, ukufuya Ukurhweba
Ukongamela Ukulawula
Unyanzeliso Ukusasazwa kwenzuzo
Ukuhlaziya Ukulungisa nokufumana uncedo
Abadlali baphandle ( abenzi bemigaqo, amagosa karhulumente, abanikeli)
Ukuba nakho kwemithetho Abaququzeleli, ukusonjululwa kwengxabano
Kwemithetho nemigaqo iminikelo, imithombo Uqeqesho, ukuphuhliswa kobuchule uthetha-thethwano, ukwenziwa kwesivumelwano Icebo lobugcisa
V Iimveliso
Ubutyebi
Ukhuseleko lobutyebi
Ukomelela
Ubulungisa besixokelelwano sezinto eziphilayo
Impiliso engcono
Umzobo 2: Umzobo wesixokelelwano sendlela iCBNRM 'esebenza' ngayo
